Ndoze ndonwabe?

Ndoze ndonwabe? Contact information, map and directions, contact form, opening hours, services, ratings, photos, videos and announcements from Ndoze ndonwabe?, Women's clothes shop, Enkanyamba, Camps Bay.

02/07/2021

cont3

NDOZE NDONWABE?💔😭

Uye wahamba unoma eyoboleka imali ezalayo wafika ke nge lucky ukho mama uNomyezo egcakamele

Noma:molweni Cc Nomyezo kunjani ntombi

Nomyezo: ewe ke hayi siyavuka ntombi kunjani kuwe?

Noma:ndiyaphila Cc ngenxa ke yokuxakeka ndingatsho ndithi kunzima

Nomyezo: hayibo makhwalo sonke sixakekile kodwa igama elithi kunzima akufuneki ulisebenzise zange umve uGehaze wathi sele ebhujelwe ngumtwana xa ebuzwa impilo wathi konke kuhamba kakuhle nathi ke siboke sim......
(Kange agqibe kuba ebekhala kwakude kudala uNoma qha engazibonakalisi kuNomyezo uthe esuka wabe esitsholo phezulu)

Nomyezo:hayibo Noma sisi kutheni ikho into endiyithethe kakubi??(ebdekile)
Noma:hayi Sisi akhonto uyithethile kodwa kuve kwangathi uva lo wam umphanga

Nomyezo:ubhujelwe wena owuu hayi xolo sisi bendingazi mna

Noma:ewe andiqondi ubuyazi lonto kuba yinto yequbuliso lena ebengenanto umtam ive yaquka yonke lento Sisi

Nomyezo xolo mtakatata khange nsive kwanto aluhlanga lungehliyo Eeee usihambele ngantoni phofu dear??

Noma:enkosi Sisi ngamazwi akho enruthuzelo kona akukho lula ukwamkela esisimo kodwa uThixo zondomeleza

Eyona nto indibeka apha Sisi mfana ndizoboleka imali phofu ndithumywe nguThemba klk nguye umntu omane esiza apha nje nga customar

Nomyezo:ayibo Makhwalo uyenza njani lonto uThembani kuba ityala lakhe lukhulu kakhulu apha kwaye uyandiphepha nasendleleni mandikukhombise ityala lakhe
(Wasuk*ma eyothatha incwadi wabuya wambonisa)
Uyabona ke ityala lakudala kangaka

Noma :yho iR3000thousand yhonke ebeyiboleka ave ayithini uThembani le mali bawo yhuuu umntu nkosukuzazi ndincamile mandihambe Sisi kowu wandenza Themba ukuhlala hlale andibhanxe kangaka Mmmm

Nomyezo:Uhambe kakuhle Sisi mna uthembani uba uzoqhuba ngalendlela ndizok*mmqngalela klk

Noma umangalelele Sisi nam ndoyomangelela uSiwe owa otyise umntam

Nomyezo:(Esothuka) hayi uthini na apha k*m umtyisile??

Noma ewe kuthiwa utye ipoisen lomtwana ke ndifike ezama ukuzityisa ngalamini ndaloxutha elo yeza ndaliphosa ngasese kanti nditsho phantsi ebeseke zifakela ekutyeni kwakhe ekushiye etafileni eyobeka eliyeza kanti uAnitha zongena athathe okukutya abe esitya kanti koku kwalomntwana Sisi kwabe kukufa komntwana wam oko ke ngoku ndizommangalela soze klk ndidlale igqwirha mna

Nomyezo:Yhoo uthini na apha k*m lamnyebelelana emncinci kangaka lamntwana

Noma:kunjalo kanye Sisi yhuuuuu ayi kazi ndothi bekutheni kuyise ka Anitha bawousale kakuhl Sisi

Waphuma wahamba washiya Nomyezo.kwakhe

06/05/2021

P3
Ndiyoze ndonwabe?💔😭

Noma: ubhalisa izikhalo wena phuma apha maarn uyandonyanyisa utsho ngobumdaka (atsho emticela ebusweni )

Kuyhe kusenjalo yafika iAmbulence yamthatha umtwana yahamba naye kodwa akafika esbhedlela wawunabela uqaq umntwana umncinci osaze ngobuso ezweni ngenxa yentliziyo kanina embi

Bafikile esibhedlele abaqhubi be Ambulence bamsa kwelacala loqhaqho kuba klk bekucace mhlophe nje okwekati eemhlophe ehlungwini uba ikho into etyiwe ngolo mntwana kuba ubesuke walihlaza umzimba wonke phufu ikhihlaza ugazi ngempumlo nomlomo

Thembani: yhee noma ubugalelele bani ipoisen ekutyeni gqwirha ndini?

Noma:khondiyeke wena ndabifundiswa ngunyoko ubugqirha yheee??

Themba: uzondiphendula npba hayi maaarn ndiyabuza marn kuba ndiyazi nguwe lo owenze lento awunothi ugqiba kwenza into embi kqngaka ube ucinguba unganga rhaneleki oe ufuna ndiyithethe?

Noma:ndiyenze ndodwa lento othi ndiyenzile ubukhamise phi wena heee

Themba:inoba ufuna impama ke ngoku ndakuthela inqindi mna and nje ngoba uzidlele umntakho ungacingi uzomngcwabela pha emzini kabawo hayi akunjalo uzobona uba usilungiselela phi isingcwabo somntakho (utsho eshuk*ma uThembani esosuk*ma wathatha istep wahamba ushiyeke apho uNoma ekhedamile kuba amahlathi aphelile akusekho kucasha ngoku)

Ufikile uThemba endlini wapakisha impahla yakhe esogqba wapakishela uNoma nabatwana bakhe imigodlwana yabonwabiza uSiwe emxelela aqoqe umadlavu akhe bayahamba apha wabakhuphela ngaphandle kweyard abantwana baka Noma wakhiya izindlu qakhiya igaite bahamba no Siwe indlela ibisiya eMpumalanga kuba uThembani esithi akafuni nobaawazi umkondo wabo uba batshona ngaphi

Uphumile uNoma esibhedle kuba kuthiwe aphinde abuye azothatha iziphumo zoqhaqho xa kudlule i3days uye waphuthuma ke ekhaya kuba efuna ukuyocenga uThembani ukuze abenendawo yokungcwabela umntana wakhe

Ufikile kwa Themba dololo kukhiyiwe akhomntu abantwana bakhe bahleli phandle kwe yard

Noma: hayibo kuyiwephi apha??

Phakamani::mama ubraa themba usigxothile naye wahamba nala nomadlavana ungu Siwe asibazi apho baye khona

Noma:yhiiini uThemba mna ndizomngcwabela phi lo mntwana ekubeni wanditshisisa ikhaya lam wandithembisa ngezulu nomhlaba kona ndothi uyaphi umntwana ku zubenathi??😭😭😭

Phakamani:: ngubani uZubenathi mama??

Noma?? Thula marn wena sube undibuza ndebelefele apha lonto iyokwenza kutshintshe izinto huuuh?💔😭😭😭

P:uxolo mama bendingaqondanga ngoku sizothini??

Noma:: ayikho enye indlela mandiyoboleka imali ngegama lika Themba

28/04/2021

Cont

NDIYOZE NDONWABE?😭💔

Noma:yhenkeee ndimfumene uThemba lithuba loba ndityise afe ngoku💃🤞ndizo phonela utata ka Thina Mmmm😋my heart sokonwaba sitye imali le yezidwedwe🤣🤣

Yena lo ungu Sise sisicaka salapha kwam😉yhonke into...(enqamlwa kukungena kuka Thembani)

Thembani:uwoooow sonwabe luv😘(emncamisa)

Noma nzothini mntuwam ndibona nawe wonwabile zindaba ezimnandi ndizokuzisela iking emhlabeni🤗

Themba: kowuu ndingayindoda emadodeni inene takwethu🤞☺️

Noma: Mmm ndiyakuva sthandwa mandivuke ndiyobeka imbiza zasemini inoba abaphekanga aba

Etsho esuk*ma eyopheka esogiba walungisa itafile wababiza bonke selw ephakile phofu wagalela iyeza eplat..in ka Thembani wayisondeza ekwelicala abazohlala kulo bobabini wahamba waya eroom.in yabo esithi uyobiza uThembani wafika kuqala uThina etafileni wahlala phantsi watya klk ebeseyilambe kqkhulu bathe befika OoNoma etafileni kuba kuzobulelwa kutyiwe kwabe kushiyeke intwana esityeni sakhe uThina ecela isam more yena ethi

Thina: plz mama sam more plzzz
Maaaam sam more plz

Phofu eloxesha.uyajuluka umzimba wonke

Noma: Thina ukutyeleni ukutya kwethu notata kho nfubani othe hlala kwelicala mhaaarn hu??😣

Thembani: nkosikazi bheka umtwana uyazibhija kwenzeka ntoni kuye?🤔

Noma: Thiiiiina thinaaaa whts gowing on my san ayibo Zuko ka amanzi yaphela.umntwana wam yhooooo🙆
Bawo ndenzeni😭

Themba:wenzeni ngantoni kanti Nomathemba huu☹️

Noma:sundibuza bubhanxa apha.wena engani bendilibele.kukutotosana nawe apha kanti kuyonakala ngapha bheka mngcwii🤞linge afe lowam umntwana kokwaziwana(ebekisa kunyana wakhe)
Zuko phonela imoto yezigulani izolanda uThina mntam khaleza

Uthe esathetha kwathi kqnti sekukho no Siwe apha endlini ubizwe sisihalo nengxolo naye uzokroba unobangela

Noma:utheni na wena wasithi phuhlu ngamehlo zofunani apha?🙄

Siwe uxolo Mekazi ndive isikhalo.apha endli.........(wamfaka.inqindi.entlfunweni engekagqibi)
Noma: bhalisa izikhalo zabantu wena mthakathi ndini alinge afe lo mntwana noyibeka pha🤞😭😭

21/04/2021

Ndiyoze ndonwabe?💔😭

2

Noma:🗣️heeeeeyi wena ucinga kuphi na apha hiiiii? (Ngelo xesha umgalela ngamanzi endlebeni abanda nceee)

Siwe' meee....k.....ziii😲(esothuka egxuma kwelo khuku wayobetheka edongeni oku kwehlanya)

Noma:😒🙄wenzani na wena waziphambanisa hambe yolungiselela abantwana bam baye eskolweni wena uhlale ngongabhadli ungabeki amanzi ejakin yam siyevana?

Siwe:ewe mok....azi...ndakuva (engcabgcazele uthe xa yothatha umlilo wafika umalume wakhe ehleli lusizi estulweni ebonakala ekude nengcinga wabulisa mo....lwe.....ni ma..lu...m....eee

Themba mtshanam😲(evusa intloko bukethuka)ufunani ekuseni kanje?

Siwe:Zobeka manzi lume ndilungiselele osisi nobhiti into zeskolo😭😭

Themba: yeka mtshana phinda pha kulandlu ulala kuyo ndowabeka ngokwam ndibalungiselele mna wena hamba hamba apha

Siwe no lume ndifuna ukuwabeka ngokwam uzondibetha umekazi nje💔

Themba:hamba tshana ndoyilu....

Noma:(enqamla uthemba)ayeke ntoni yqale nini ngoku Themba ubanje heee🙄

Themba:🗣️ndiqala okwangoku uzokwenzani kutheni umphethe kanje mharn mtaka Cc wakugqiba ukwenza amanyala enje yelekenqe sathane?

Noma:ndim lowo whuuu ndim usathane wena ubuphi thembani masenza lo manyala uzenza ngcono ngam kule🐕 kadade wenu besigqibe ngantoni ngaye hiiiii?

Themba: besigqibe noba ubugqibile weeena Nomathemba yazilawula mharn wena akwaba bendingazityanda igila ngawe ndikuthande khohlake mfazi ndini awehlukanga kwizilwanyane ezinobungozi tu undiphumele ekhaya sidenge ndini nezizdwedwe zakho apha ezi uthi ngabantwana kanti zizi🐕🐕🐕🐕ezi hamba hamba mbothatha konke okwakho ngashiyi nelimdaka idlavu lakho apha ungabheki nangasemva sikhohlakali ndini

Noma:Mmmmm(ezibamba emlonyeni ewakhupha onke amehlo)☹️🤭Aaaaaa Themba yhuuuu ndiya...faaa

Themba:😲😲(esothuka)ntoni sithandwa sam

Noma:klk ubuzonsimamela nini uyabona uzobulala umtanakho themba ndikhulelwe klk bhuti bendizokuxelela ndiphazanyiswe zezinto zakho ndenzela zona mvanje😩☹️

Themba: uwhawu babe mba cambalala ndokubekwla amanzi okuhlamba sizoya kwa doc ajonge mtwana ukahle na(atshi emcula eyomlalisa je) ndiyeza ndiyoyaleza le 🐕 ibeke amanzi okuhlamba pha abemaninzi ukuze nawe uhlambe

Noma:kulungile sithandwa sam ukhaleze ubuye umntwana ufuba wena(atsho ecika ikihlo elinye enyonyoza kodwa uthemba akamboni kulonto kuba umzele nhomva kuba eyophu)

Themba ok okbaithandwa sam ngayini ngaphandle kwakho yhuu nsiyambonga uThixo ngawe kunini ndimdinga umtwana ndbe ndilibele kukuphiphana nabantwana bezifebe apha (etsho ephum

Ukutya kuka Siwe xa evuka ekuseni utya kanje phofu akho swekile apha Bazali noba umtwana uyamtreatar kodwa sumtreatar ng...
17/04/2021

Ukutya kuka Siwe xa evuka ekuseni utya kanje phofu akho swekile apha

Bazali noba umtwana uyamtreatar kodwa sumtreatar nge phango ibuhlungu💔💔💔💔into eyayisenzeka kulo mntwana 😭😭

17/04/2021

Cont
Ndawuze ndonwabe?💔😭

Uhambile uAndisiwe wade wafika wakhelela uthe xa ezothwala kwabaneka umbane ngathi uhlaba esazulwini sedami

Uthe esamangazwe yeyo xa ezakujika abaleke wabona umntu onxibe mhlophe but kunzima ambheke emhlweni lo mntu wathi

Yena:Siwe Cc ndikubhekile soze ndiyeke ukukukhusela ndohleli ndikubhekile ngalo lonke ixesha nyamezela Mazulu kuninzi osazodlula kuko kodwa ewe uzodlakazeka enyameni kodwa akusayi kufa into ezokunceda thandaza kuba nguwe ozohlangula usindise abantu bakwazulu YOMELE Siwe Mntanam Yomelela yomeleeeeeeela waya kusithela mama kaSiwe wasala yena ekhala

Siwe: 😭😭😭mama undishiyelani mama kowu ndiyoze. Ndiyoze ndonwabe?💔

Wayofika kowabo unoma eyikhulile imigqomo imithathu le imikhulu phofu wayifolisa wayikhelela uSiwe yonke imni yonke ethutha amanzi uthe xa egqiba kuba ebegxabhagxabhisa ukuze ilanga lingamtshoneli kwela dami klk liyingozi

Noma:yhewena silambile apha endlini uvile?

Siwe'ndiyeva mekazi ndisakhokha umoya ndizopheka

Noma (phakamisa ilizwi) silinde wena ke ngoku thina?

Wasuk*ma uSiwe wapheka wagqiba wabaphakela phofu uNoma umbukele uba wenza zona na klk funeke akuqwele ukutya angashiyi nepeas yena uSiwe uzotya oku okuzashiyeka ezityeni zabantu if akusalanga ke uzibona uba uzotyani ngoba nezinja funeke zityile nazo klk kuthe kusobonakala uba akushiyeki ukutya ebantwini lwavuka usizi kuThembani kuba uyasikwa yinimba and sezininzi impawu aziphawuleyo ku Noma uba ukhohlakele lomntu kuba ubenokuzenza zonke izinto kodwa not le ayenza yo ku mtshana wakhe

Themba:Eyiii hayi ndihluthi mna kusathe nethe lanyama besiyitya Siwe thatha le...(khange agqibe ukuthetha wamnqamla uNoma)

Noma:Eeeee uzomane usenza angathi uhluthi ke ngoku mane ushiyela lo andisiwe wakho ngathi uzondidina mna ngalamaqhinga akho yazi nxii

(Wasuk*ma waya ekamereni wafike wagadla ucango pha wahlala ebhedini ungenile uThemba ezocenga isthandwa sakhe)

Themba: Noma sthandwa sam yintoni ngoku ucinga ikhona into endingayithanda ukudlula wena?
Wathula uNoma umbona ugcwele inkohlakalo unzulu ngenhcinga wakhulula wangena ezingubeni naye uthembani ngobunjalo wenza lonto uNoma usezingcingeni nzulu

Noma:utheni ngathi uthemba akakho kule ndikuyo into utheni ngathi umane esikwa yinimba ngulo mntwana utheni ngathi uzondijikela nje??

Mmmmm hayi kofuneke ndivule amehlo apha kucacile uThemba ubangafuni siyenze lento uyamtya ngoku nooooo andikwazi kulahlekelwa lilifa elingaka ekubeni ndizele mna into endizoyenza ndizotyisa uThemba ityhefu

13/04/2021

Ndicela nibeke ucont ka intro pha kuAphwe Snovuyo ndenze imistake ndabhala ngaye so ndidlulela ku p1 ngoku

P1

Uye wamnqamla esathetha uNoma uSiwe

Noma:yheyi wena yenza uphakame apho yeke ukufundekela apho uhambe uyokha pha ekutyeni kwezinja utye uzobasemandleni ndifuna ndifuna utenele inkukhu umkhukhu ukuze zibenendawo yokuhlala siyevana

Siwe:hayi mna mekazi andizutya kutya kwezinja umama uyathumela every mnths nje bekugqitywa kuthengwa uku.....(emnqamla)

Noma:ngalinge undiqhele wena siyevana nja ndithi xa ulambile sukela nhoku namhlanje uyotya xa kiphakelwa izinja?(atsho emfaka inkunzi yempama aphephuke umntwana ayowela pha kude batheke edongeni

Siwe:iyhuuuuu mama ndafa uphi kanti?

Noma: uyafundekela wena maaarn sea( emrhuqa wamshiya phandle wayongena endlini enkulu )

Wavuka uSiwe waya emkhukwini apho.kuhlala ukutya kwezinja khona wakha watya watya weva uba.uhluthi.ngoku wahlala phantsi esozela kiba klk uva ubushushu belanga futhi uhluthi ngoku uthe mayeqala ulala weva ekhwazwa kabuhlungu

Noma:🗣️yheee Andisiweeee Andisiweeeee

Siwe(esabela )🗣️mekaziiii

Noma🗣️nyekazi wani mhaarn yizapha wena

Andisiwe:(ucothoze waya khona makefika ulindwe yibacket namgqomo lo umkhulu kuthiwa aye edamini elosabekayo ekungasondeli kwamntu kulo.kuba linobu ngozi kakhulu athuthe amanzi kulo

Thembani:hayi kodwa ngoku Noma wenza kakhulu ngoku uyazi ingandijikela.lento uyenzayo??
Ngoba wazi kahle kweladam akuyimntu kulo tu ngoku qena uthumela uAndisiwe kulo.besingavele sigqibe ngaye ngezolo bekutheni??

Noma:ishiii phambene wena qale nini ubanosizi ngoku?
Ndove ndikushiye apha mna uzibondela umqa wakho klk andizuxakwa mna

Themba:hayi klk mama wabantwana bam ungade ubenolaka kangaka singade sixatyaniswe ngumtwana wedikazi akhoto inokwenzeka phakathi kwethu sobabini khululeka sthandwa(atsho emncamisa)

Themba usibhekeni wena hamba apha awumvanga malmekazi wakho?
(Ebhekisa kusiwe)
Wanyoshoza qahamba uSiwe umzimba ubuhlungu intloko iyaduma kabuhlungu utyhafile akanamandla wahamba ekhala kazi impilo yam itheni NDIYOZE NDONWABE?😢💔😭

11/04/2021

Intro
Yhe Thembani masimfake kulo mngxuma lomntu kungekasi uyayiqonda nje sisazodiba??

(Lawo yayinga mazwi kamama ebendi cinguba uzala uSiwe kanti yinkazana kamalume)

Sibonele: faka ndizodiba lenja ucinga yena ndingamyeka nemali engaka ekubeni inguye owandincitsha amathuba emfundo ngoba. Kufundiswa yena nxiii

Nomawethu:yhu mandithulise lanja yalamntwana yangxola kulamthi(ehamba)

Andisiwe:help heeeelp he....(emnqamla engekagqibi)

Noma:thula wena maarn yangxola thula thula(etsho emnyovela ilaphu emlonyeni)ubozi fundisa ukuthula wena ndosuke ndikukrazule ngeeeeend impama lee uyandiva

Siwe:(enqwala ngentloko ebonakalisa uyavuma eloxesha uyafa umtwana zintlungu zokufaswa nokunyokonyelwa ilaphu emqaleni

Igama lam ndingu Andisiwe Sogoni ndingu Mazulu isibongo ndihlala emzombo kwilali zakwi dolophu zase mthatha ndingumtwana omeko yakhe ibukrakra nje ngoba ndiya ndibhadla nje ndikhule ndihlala no malume wam namankazana akhe abemana ukuwa tshintsha tshintsa kodwa isikakhulu ndihleli no Noma kangoba bendicinguba ngumama xa ekhona klk ebebufana nomamam kuba bebenga bahlobo kakhulu so ke ubinoku nginga ngu sister kamama kuba even ixesha elide ndinaye kwaye bebenxiba ngokufanayo yena mama ebengafane abuye ebethumela abuye nge holiday zika december kuba bekukude apho asebenza khona so ebengafane abuye apha ekhaya besihlala nabantwana bakamalume abane kodwa omnye ebese skolweni ekapa evasity

Ndithi ndicela nindixhase bethunana kwelibali lam elithi NDOZE NDONWABE NA??

Address

Enkanyamba
Camps Bay

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Ndoze ndonwabe? posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Share