04/11/2021
Lomfo uyilanto amajita asekasi abawela uba yiyo. Ngamanye amaxesha siye siyohlala naye siyazi ukuba soze singafundi nto, amaqhiyazana uyawahlonipha nto leyo usisi wam ayincoma yonke imihla noba ke emkholisa qha umhlekazi akanamlingane ngoba odadebethu bazilahlela kokrebe abekrazula Intliziyo ubuntombi buphele, bancamathele, batshele banyamezele baphele, beqhejwa bancame bathi amadoda awanantliziyo kanti abakwazanga kukhetha, kudala bezama ukucenga ngoba Lamfo undifanela njenge mbongi yasezintabeni intsuku zikadadewethu zokuphila zingandiswa phayana u nanamhlanje, Lamfo yinqhokonqhoko, unqondo qondo ongasuka amthi jize ngothando u mntase hayi ezizikorokro bangena kuzo ziqhutywa ngamafokofoko ndidikiwe nakuthuthuzela usisi nxa evela kwezindawo zakhe enesikhalo ezicazulula iziphako. Kodwa ukhona Lamfo ndimqondayo uba angamnika uncomo nolonwabo. Bayamgxeka Lamfo okokuqala bamgxekela ukuzikhathalela bathi uzinakekele ngamandla, bangatyhafa ukuba banokuzimanya nomntu onqatyelwe nazimpazamo kubo angase kungasoloko kuxhatywana atyholwe phaa naphayana kungacaci ukuba Hai mntakabawo kumthebelele akukho mpazamo lonto leyo abayifuni. Ikwelolishwa kelenkunzi, eneneni abalungileyo abazuzi bathandelwa kude yinqharamfu ukuba bavuzwe ngomsebenzi wabo omhle kangaka, ngoba inyaniso ayonto kumntase ufuna amapunge aphinde afune kulunge ngoba kuludwe lwabafana abakhoyo nxa ekhetha ubadlula bonke Intliziyo ntle obombathe uthando abuye nalo uze qha ntonje uqhubi polo uphangele kurhulumente kodwa uze. Ngamazwi sikujongile Volcano ndoda eyivileyo into ebuhlungu qina Tata kuyalunga,
Young pastor yase de dorns